15. Mawungandintywiliseli umsinga wamanzi;Ingandiginyi inzulu;Iqula malingandivingceli ngomlomo walo
16. Ndíphendule, Yehova, ngokuba ilungile inceba yakho,Ngangobuninzi bemfesane yakho ndíbheke.
17. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule.
18. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule;Ngenxa yeentshaba zam ndíkhulule.
19. Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam;Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo.
20. Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa;Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho;Nokuthuthuzelwa, andakufumana.
21. Ukudla bándinika inyongo;Ekunxanweni kwam bándiseza iviniga.
22. Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe;Sibe sisirhintyelo kwabanemasi.