2. Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe,Mzukiseni, mdumiseni.
3. Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho!Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.
4. Lonke ihlabathi liya kukunqula,Bakubethele uhadi;Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)