1. Dumani kuThixo, nonke hlabathi,
2. Lubetheleni uhadi uzuko lwegama lakhe,Mzukiseni, mdumiseni.
3. Yithini kuThixo, Hayi, ukoyikeka kwemisebenzi yakho!Ngenxa yobuninzi bamandla akho ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho.
4. Lonke ihlabathi liya kukunqula,Bakubethele uhadi;Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)
5. Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.