3. Ekutyhafeni komoya phakathi kwam,Ùyayazi wena ingqushu yam.Emendweni endihamba ngawoBandiqhushekela isibatha.
4. Bheka ngasekunene ubone,Akukho undibukayo;Andinandawo ndingasabela kuyo,Akukho uwukhathaleleyo umphefumlo wam.
5. Ndikhala kuwe, Yehova,Ndithi, Nguwe ihlathi lam,Isabelo sam ezweni labahleliyo.
6. Kúbazele indlebe ukuhlahlamba kwam,Ngokuba ndiswele kakhulu:Ndíhlangule kwabandisukelayo,Ngokuba bomelele kunam.
7. Wukhuphe entolongweni umphefumlo wam,Ndibulèle kwigama lakho.Amalungisa aya kuzithi jize ngesithsaba ngenxa yam,Ngokuba ùndiphethe kakuhle.