1. Ndikhala kuYehova ngezwi lam,Ndikhunga uYehova ngezwi lam,
2. Ndiphalaza inkalazo yam phambi kwakhe,Ndixela imbandezelo yam phambi kwakhe.
3. Ekutyhafeni komoya phakathi kwam,Ùyayazi wena ingqushu yam.Emendweni endihamba ngawoBandiqhushekela isibatha.
4. Bheka ngasekunene ubone,Akukho undibukayo;Andinandawo ndingasabela kuyo,Akukho uwukhathaleleyo umphefumlo wam.