6. Wáligubungela ngamanzi anzongonzongo njengesambatho,Ema amanzi phezu kweentaba.
7. Ekukhalimeni kwakho asaba,Ezwini lendudumo yakho abaleka buphuthuphuthu;
8. Kwenyuka iintaba, kwehla izihlambo,Aya kuloo ndawo ubuwasekele yona.
9. Wàmisa umda ukuba angegqithi,Angabuye awugubungele umhlaba.
10. Ulothuma imithombo iye ezihlanjeni;Ihamba phakathi kweentaba;
11. Iseza zonke iinyamakazi zasendle;Amaesile asendle aqabula inxano lawo.
12. Kuhlala phezu kwayo iintaka zezulu,Zitsholoza phakathi kwamasebe;
13. Uloseza iintaba kumagumbi akhe aphezulu;Uyahlutha umhlaba ziziqhamo zezenzo zakho.