4. Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
5. Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
6. USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
7. USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
8. Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.
9. UEnoshe wahlala iminyaka emashumi asithoba, wazala uKenan.
10. UEnoshe wahlala emveni kokuzala kwakhe uKenan iminyaka emakhulu asibhozo anashumi-nye linamihlanu; wazala oonyana neentombi.
11. Iyonke imihla kaEnoshe yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamihlanu; wafa ke.
12. UKenan wahlala iminyaka emashumi asixhenxe, wazala uMahalaleli.
13. UKenan wahlala emveni kokuzala kwakhe uMahalaleli iminyaka emakhulu asibhozo anamanci mané: wazala oonyana neentombi.