23. Iyonke imihla kaEnoki yaba yiminyaka emakhulu mathathu, anamanci mathandathu anamihlanu.
24. UEnoki wahamba noThixo; akabakho, ngokuba uThixo wamthabatha.
25. UMethusela wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anesixhenxe, wazala uLameki.
26. UMethusela wahlala emveni kokuzala kwakhe uLameki iminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asibhozo anamibini; wazala oonyana neentombi.
27. Iyonke imihla kaMethusela yaba yiminyaka emakhulu asithoba, anamanci mathandathu anesithoba; wafa ke.
28. ULameki wahlala iminyaka elikhulu elinamanci asibhozo anamibini; wazala unyana.
29. Wamthiya igama elinguNowa,* esithi, Lo uya kusithuthuzela emsebenzini wethu, nasekubulalekeni kwezandla zethu, ngenxa yomhlaba awawuqalekisayo uYehova.
30. ULameki wahlala emveni kokuzala kwakhe uNowa iminyaka emakhulu mahlanu anamanci asithoba anamihlanu; wazala oonyana neentombi.
31. Iyonke imihla kaLameki yaba yiminyaka emakhulu asixhenxe anamanci asixhenxe anesixhenxe; wafa ke.
32. Ke uNowa ebeminyaka imakhulu mahlanu ezelwe; uNowa wazala ooShem noHam noYafete.