1. Yiyo le incwadi yenzala ka-Adam. Mhlana uThixo wamdala umntu, wamenza ngokufana noThixo.
2. Wadala indoda nenkazana, wabasikelela, wabathiya igama elinguAdam,* mhlana wabadala.
3. UAdam wahlala iminyaka elikhulu elinamanci mathathu, wazala unyana ngokufana naye, ngokomfanekiso wakhe, wamthiya igama elinguSete.
4. Imihla ka-Adam emveni kokuzala kwakhe uSete yaba yiminyaka emakhulu asibhozo; wazala oonyana neentombi.
5. Iyonke imihla ka-Adam, awahlala ngayo, yaba yiminyaka emakhulu asithoba anamanci mathathu; wafa ke.
6. USete wahlala iminyaka elikhulu elinaminyaka mihlanu, wazala uEnoshe.
7. USete wahlala emveni kokuzala kwakhe uEnoshe iminyaka emakhulu asibhozo aneminyaka esixhenxe; wazala oonyana neentombi.
8. Iyonke imihla kaSete yaba yiminyaka emakhulu asithoba anashumi-nye linamibini; wafa ke.