1. Ke kaloku uYehova wamvelela uSara njengoko ebetshilo; uYehova wamenzela uSara njengoko abekuthethile.
2. Wamitha ke uSara, wamzalela uAbraham unyana ekwaluphaleni kwakhe, ngexesha elimisiweyo abelithethile uThixo kuye.
3. UAbraham wamthiya loo nyana wakhe abemzalelwe, awamzalayo uSara, igama elinguIsake.*
4. UAbraham wamalùsa uIsake unyana wakhe, akuba ntsuku zisibhozo ezelwe, njengoko uThixo abemwisele umthetho.
5. UAbraham ube eminyaka ilikhulu, ukuzalelwa kwakhe uIsake unyana wakhe.
6. Wathi uSara, Úndihlekisile uThixo; bonke abakuvayo oku baya kuhleka nam.
7. Wathi, Nugbani na obengátshoyo kuAbraham ukuthi, uSara wanyisa abantwana? Ngokuba ndimzalele unyana ekwaluphaleni kwakhe.
8. Wakhula umntwana, walunyulwa; uAbraham wenza isidlo esikhulu mhlana walunyulwayo uIsake.
9. USara wambona unyana kaHagare umYiputazana, awamzalela uAbraham, ehlekisa.
10. Wathi kuAbraham, Mgxothe umkhonzazana nonyana wakhe; kuba unyana waló mkhonzazana akayi kulidla ilifa ndawonye nonyana wam uIsake.