1. Wasenza nesibingelelo sedini elinyukayo ngomngampunzi: ubude baso baba ziikubhite* ezintlanu, ububanzi baso baba ziikubhite ezintlanu, sambombo-né; ukuphakama kwaso kwaziikubhite ezintathu.
2. Wenza iimpondo zaso ezimbombeni zaso, zaphuma kuso iimpondo zaso, wasaleka ngobhedu.
3. Wazenza zonke iimpahla zesibingelelo eso: iinkamba, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neefolokhwe, neengcedevu; zonke iimpahla zaso wazenza ngobhedu.
4. Isibingelelo wasenzela uthango, umsebenzi ongumnatha, ngobhedu, phantsi kongqameko olujikelezileyo, lwathabathela ezantsi, lwathi gabhu phakathi.
5. Wawatyhida amakhonkco amané eziphelweni zoziné zothango lobhedu, aba ziindawo zezibonda.
6. Wenza izibonda ngomngampunzi, wazaleka ngobhedu.