3. UYehova yindoda elwayo,UYehova ligama lakhe.
4. Iinqwelo zokulwa zikaFaro nempi yakhe waziphosa elwandle;Abahleliweyo kubaphathi-mikhosi bakhe batshoniswe eLwandle oluBomvu.*
5. Amanzi enzonzobila abagubungele.Behlela ezinzulwini njengelitye.
6. Isandla sakho sokunene, Yehova, sivethe amandla;Isandla sakho sokunene, Yehova, sivikiva utshaba.
7. Ngobukhulu bobungangamsha bakho ubagungxule abachasi bakho;Ukhupha ukuvutha kwakho, kubadle bona njengeendiza.
8. Ngokufutha kwamathatha akho afunjwa amanzi,Yema njengemfumba imiqukuqela.Ajiya amanzi enzonzobila embilinini yolwandle.
9. Lwathi utshaba,Ndiyasukela, ndiyafumana,Ndaba ixhoba, umxhelo wam uyazanelisa kubo;Ndirhola ikrele lam, síya kubagqogqa isandla sam.
10. Wafutha ngomoya wakho, lwabagubungela ulwandle;Bazulumbeka njengelothe emanzini angangamsha.
11. Ngubani na onjengawe phakathi koothixo, Yehova?Ngubani na onjengawe, wena uvethe ubungcwele,Woyikekayo ezindumisweni, wenzayo ngokubalulekileyo?
12. Wòlula isandla sakho sokunene,Umhlaba uyabaginya.