26. Akukho unjengoThixo, Yeshurun,Ulokhwela emazulwini eluncedo lwakho,Ulokhwela esibhakabhakeni enobungangamsha bakhe.
27. Likhaya uThixo wamandulo,Ngaphantsi ziingalo ezingunaphakade.Ugxotha utshaba ebusweni bakho;Uthi, Tshabalalisa!
28. USirayeli uhlala ekholosile,Uwodwa umthombo kaYakobi,Usinga ezweni lengqolowa newayini entsha;Inene izulu lalo liqhoqhoza umbethe.
29. Ùnoyolo, Sirayeli!Ngubani na onjengawe, bantu basindiswe nguYehova,Ikhaka loncedo lwakho,Ikrele lobungangamsha bakho.Ziya kuhanahanisa kuwe iintshaba zakho,Unyathele ke wena emimangweni yazo.