Ùya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.