Testamente Endala

Testamente Entsha

Iduteronomi 22:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Uze ungàthi, uyibona inkomo yomzalwana wakho, nokuba yigusha yakhe, ilahleka, uzisithelise kuyo; wòyibuyisela nokuba kutheni kumzalwana wakho.

2. Ke, ukuba akasondelelene nawe umzalwana wakho, akumazi, wòzihlanganisela ekhayeni lakho, zibe kuwe, ade azifune umzalwana wakho, uzibuyisele kuye ke.

3. Ùya kwenjenjalo kwiesile lakhe, wenjenjalo kwingubo yakhe, wenjenjalo kwinto yonke yomzalwana wakho elahlekileyo, ethe yalahleka kuye wayifumana wena; akunakuzisithelisa kuyo.

4. Uze ungàthi, ulibona iesile lomzalwana wakho, nokuba yinkomo yakhe, iwile endleleni, uzisithelise kuyo; wòmncedisa ukuyivusa.

funda isahluko epheleleyo Iduteronomi 22