Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Àsikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?