Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Ookumkani 18:25-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ngokunje ndinyuké ndeza kuyonakalisa le ndawo, ndingenaye uYehova yini na? NguYehova lo uthe kum, Nyuka, uye kulonakalisa eli lizwe.

26. Wathi uEliyakim, unyana kaHilekiya, noShebhena, noYowa, kuRabheshake, Khawuthethe kubakhonzi bakho ngesiAram,* kuba sisiva. Musa ukuthetha nathi ngesiYuda ezindlebeni zabantu abaseludongeni.

27. Wathi uRabheshake kubo, Inkosi yam indithumé ukuba ndiwathethe la mazwi enkosini yakho na, nakuwe na? Àsikula madoda ahleliyo eludongeni yini na, ukuze adle ilindle lawo, asele umchamo wawo nani?

28. Wema uRabheshake, wadanduluka ngelizwi elikhulu ngesiYuda, wathetha, wathi, Yivani ilizwi lokumkani omkhulu, lokumkani waseAsiriya:

29. úthi ukumkani, Makanganilukuhli uHezekiya; ngokuba akayi kuba nako ukunihlangula esandleni sam.

30. Makanganikholosisi ngoYehova uHezekiya, esithi, Inene, uya kusihlangula uYehova; lo mzi awusayi kunikelwa esandleni sokumkani waseAsiriya.

31. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba utsho ukumkani waseAsiriya, ukuthi, Xolisanani nam, niphume nize kum, nidle elowo umdiliya wakhe, elowo umkhiwane wakhe, nisele elowo amanzi equla lakhe;

32. ndide ndize ndinise ezweni elinjengelizwe lenu, ilizwe lengqolowa newayini entsha, ilizwe lesonka nezidiliya, ilizwe lomnquma oneoli, elinobusi, nidle ubomi, ningafi. Musani ukumphulaphula uHezekiya; ngokuba uyaninyanga xa athi, UYehova uya kunihlangula.

33. Oothixo beentlanga balihlangula na elowo ilizwi lakhe esandleni sokumkani waseAsiriya!

34. Baphi na oothixo baseHamati neArpadi? Baphi na oothixo baseSefarvayim, neHena, neIva, ukuba bangabi balihlangula elakwaSamari esandleni sam?

35. Nguwuphi na koothixo bonke bala mazwe, olihlanguleyo ilizwe lakhe esandleni sam, ukuba ade uYehova ayihlangule iYerusalem esandleni sam?

36. Bathi tu abantu, àbamphendula nalizwi; ngokuba umthetho wokumkani wona ubusithi, Ize ningamphenduli.

funda isahluko epheleleyo 2 Ookumkani 18