1. UAhazi ubeminyaka imashumi mabini ezelwe, ukuba ngukumkani kwakhe; waba neminyaka elishumi elinamithandathu engukumkani eYerusalem.Àkakwenza okuthe tye emehlweni kaYehova njengoDavide uyise;
2. wahamba ngeendlela zookumkani bakwaSirayeli, kananjalo wabenzela ooBhahali* imifanekiso etyhidiweyo.
3. Waqhumisela yena emfuleni waseBhen-hinom, wabatshisa oonyana bakhe ngomlilo, ngokwamasikizi eentlanga awazigqogqayo uYehova phambi koonyana bakaSirayeli.
4. Wabingelela waqhumisela ezigangeni, nasezindulini, naphantsi kwemithi yonke eluhlaza.
5. UYehova, uThixo wakhe, wamnikela esandleni sokumkani wama-Aram;* ameyisa, athimba kuye into eninzi yabathinjwa, abása eDamasko. Kananjalo wanikelwa esandleni sokumkani wakwaSirayeli, uPeka; wabulala kwimpi yakhe kakhulu.
6. UPeka, unyana kaRemaliya, wabulala kumaYuda ikhulu elinamanci amabini lamawaka ngamini-nye, bonke bengamadoda anobukroti, ngokushiya kwabo uYehova, uThixo wooyise.