19. Lulo olo udidi lwabo, lwenkonzo yabo yokungena endlwini kaYehova, ngokwesiko labo elanikwa nguAron uyise, njengoko wawisa umthetho uYehova uThixo kaSirayeli.
20. Ke koonyana bakaLevi abaseleyo ngaba: koonyana baka-Amram nguShubhayeli; koonyana bakaShubhayeli nguYedeya.
21. NgoRehabhiya: koonyana bakaRehabhiya, intloko nguIshiya.
22. KumaItsare nguShelomoti; koonyana bakaShelomoti nguYahati.
23. Koonyana bakaHebron nguYeriya inkulu, noAmariya owesibini, noYahaziyeli owesithathu, noYekamam owesiné.
24. Oonyana bakaUziyeli nguMika; koonyana bakaMika nguShamire.
25. Umkhuluwa kaMika nguIshiya; koonyana bakaIshiya nguZekariya.
26. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi, oonyana bakaYahaziya unyana wakhe.
27. Kwaoonyana bakaMerari ngooYahaziya unyana wakhe, noShoham, noSakure, noIbri.
28. NgoMali kuvele uElazare, ongabanga nanyana.
29. NgoKishe: oonyana bakaKishe nguYerameli.
30. Oonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noYerimoti.Ngabo abo oonyana babaLevi, ngokwezindlu zooyise.