8. Isilwanyana ngasinye sasinamaphiko amathandathu, sinamehlo ngapha nangapha. Zazidumisa zingayeki emini nasebusuku, zisithi:“Uyingcwele, uyingcwele, uyingcwele,Nkosi Thixo Somandla,wena ubukade ukho,wena ukhoyo, uya kuhlala ukho!”
9. Lo gama izilwanyana ezine zibongayo, zidumisa, zibulela kulowo unguSonini-nanini uhleli esihlalweni sokulawula,
10. wona amadoda amakhulu angamashumi amabini anesine ayekhahlela, enqula kulowo uhleli esihlalweni, unguSonini-nanini. Ayedanduluka, atsho azibeke nezithsaba zawo phambi kwengangalala, athi:
11. “Ufanelwe, Nkosi, Thixo, ngumbongo;imbeko negunya zezakho!Kaloku iinto zonke zadalwa nguwe;zabakho, zanobomi ngokuthanda kwakho.”