30. “Wena ke, bashumayeze ubaxelele olu daba, uthi:“ ‘UNdikhoyo uyazongoma esibhakabhakeni;izwi lakhe lihlokoma ekhayeni lakhe elilodwa.Ugragramela umhlaba wakhe ngamandla;utsho ngentswahla okwabaxovula iidiliya,ebhekisa kubemi behlabathi xa lilonke.
31. Intlokoma yovakala naseziphelweni zehlabathi,kub' uNdikhoyo wob' esisa izizwe ematyaleni,lugwetywe lonke uluntu,amatshijolo awanikele kwikrele.’Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.
32. Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke ukuthi:‘Yehl' intlekele!Isuka kwesi sizwe, iye kwesiya,oku kwenkanyamba evela kumaphethelo elizwe.’ ”
33. Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.
34. Yitshoni ngesimbonono, nina belusi,niziqikaqike eluthulini, nina zikhwakhwamela zomhlambi.Ligalelekile kaloku ixesha lokuxhelwa kwenu;niza kuqikileka, niqhekeke, nixel' iingqayi zexabiso.
35. Ophela amahlathi kuni, belusi;nani, zikhwakhwamela zomhlambi, anisayi kuphuncuka.
36. Bayambomboloza abelusi;ziyangquleka izikhwakhwamela zomhlambi;kuba kaloku uNdikhoyo ulibharhisile idlelo.
37. Zitsho zangumqwebedu neentili eziluhlaza,ngenxa yengqumbo erhwaqelisayo kaNdikhoyo.
38. Wofulathela axel' ingonyama ishiy' isikhundla,kube yintshabalalo ezweni labo,ngenxa yoburhalarhume bomsindo wakhe,nangenxa yengqumbo erhwaqelisayo.