Ngelo xesha ke bonke abo babulewe nguNdikhoyo boba bethe saa ngeenxa zonke – ukususela kweli cala lomhlaba, kuse kweliya. Abayi kuzilelwa; abayi kuqokelelwa; bengayi kungcwatywa. Baya kudunduluza okwamalongwe phezu komhlaba.