22. Imizi abayakhayo ayiyi kumiwa ngabanye,nezinto abazilimileyo zingaxhatshazwa ngabanye.Kwanjengobude bobomi bemithi yoba njalo nemihla yabantu bam;ewe, abanyulwa bam baya kuwuxhamla ngenene umsebenzi wezandla zabo.
23. Bona abasayi kusebenzela ilize,bengasayi kuzalela isithwakumbe;koko boba ngabantu abathamsanqelweyo nguNdikhoyo,ngokunjalo nezizukulwana zabo.
24. Mna ndosabela bengekakhali nokukhala;ndobeva besathetha nje kuphela.
25. Ingcuka netakane ziya kutya ndawonye,ingonyama igramze ingca njengenkomo,yona inyoka itye uthuli.Inene akusayi kubakho owonayo notshabalalisayoeZiyon intaba yam eyodwa.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.