1. *UNdikhoyo uthi:“Ndaba ngazibonakalisa kwathi nya.Kanti ndilindele abangandifuni nganto.Ndandisithi bokhala kum;kwathi kanti bona abakhw' apho.Ndandikulungele ukuthi: ‘Yizani, ndim lo.’Gxebe kanti sisizwe esingandinquliyo.
2. Imini yonke ndahlala ndikhongozele.Phi ke, ingunkanishe wesizwe nje,esiphikelene neendlela ezigwenxa,silandelana neengcamango zaso;
3. uhlanga olungandihoye nganto,olwasoloko luphikelene nokundicaphukisangokwenza amadini *ezithixo emiyezweni,lusenz' iziqhumiso kumaqonga ezitena;
4. abantu ungafika behlel' emangcwabeni,ebusuku bejikelezana nabangasekhoyo;zizintw' ezity' inyam' ehagu,ezithebeni lizothe lodwa;
5. baze ke bathi:‘Bhekelani, sanukusondela kuthi;musan' ukusichukumisa; singcwele.’Abantu abanjalo ke bayanditsarha;ngumlilo ondiqhumisela imini yonke.”
6. UNdikhoyo uthi:“Uyabona ke, sendigqibe konke,ibe ke andiyi kuthi cwaka;isohlwayo sabo sesijinga phezu kwabo;ngoko ndiya kubabuyekeza
7. ngenxa yezabo nezono zooyise.Kaloku bênza iziqhumiso ezindulini,baza ke mna bandingcikiva.Ngoko ke ndobabuyekeza kangangoko,ndibohlwaye ngezono zabo.”