12. Kwezo ziyunguma sisigingci nehapu,umrhubhe nefluthi, ndawonye notywala;uNdikhoyo yena animkhathalele,nemisebenzi ayenzayo aniyihoyanga.
13. Ngenxa yokuba bengaqiqiabantu bam baza kuthinjwa.Oomaqhuzu babo bofa yindlala,ngokunjalo nomndilili ufe lunxano.
14. Ngoko ke elabafileyo libalambele;ewe, ingcwaba likhamise ng'aa,liza kuziqongqoloza izihandiba zaseJerusalem.Ngokunjalo nezihlwele ziya kutshona kulo,ingabi yongxolo ke, ibe yingxuba kaxaka!
15. Abantu baya kuthotywa bawe bhaxa;abakhukhumeleyo baya kuhlazeka.
16. Kodwa ke uNdikhoyo onamandla onkeuphakanyiswa bubulungisa bakhe;ewe, yena uThixo onguYedwawozicacisa ngobulungisa bakhe.
17. Amatakane aya kutya kuloo mabhodlo,nawebhokhwe atsho afumane idlelo.
18. Lusizi lodwa kwabarhuqa ukona ngomnxeba wokuxoka,abo balandelwa sisono ngathi basirhuqa ngentsontela,
19. abo bathi: “UThixo makakhawulezise;makangxame enze sibone kaloku.Masifike isicwangciso sikaYedwa kaSirayeli,ukuze nathi sibe nokusiqonda.”
20. Kulusizi kwabathi ububi kokuhle,nakwabo bathi okuhle bububi;nditsho abathi ubumnyama kukukhanya,bajike bathi ukukhanya bubumnyama.Bona ekrakrayo bathi imnandi,ukanti emnandi bathi iyakrakra.