11. Sudukani, sanukuxaba endleleni;asifuni nokuva ngoYedwa uThixo kaSirayeli.’ ”
12. Ngoko ke uYedwa kaSirayeli uthi:“Ngokuba ningaluvumanga olu daba,koko nisuke naqamela ngenkohliso nengcinezelo,
13. ngoko ke anikho lityala,nifana nqwa nodonga oluphakamileyoolunenkenkewula yethanda;ewe, sekulindeleke isithonga nanini na.
14. Losuka lupharhake ngathi yingqayi entlekeke yaba ziingcebaezingenakukha malahle eziko namanzi equleni.”
15. Utsho uMhlekazi uNdikhoyo, nditsho uYedwa kaSirayeli, uthi:“Nosinda ngenguquko nokuzinikezela kum;amandla enu kukuzola nokuthembela kum.Phi ke, nisala nje!
16. Ndaweni yaloo nto nithi:‘Sosuka sisabe ngamahashe.’Ewe, kungaba njalo.Nithi: ‘Amahashe ethu angaphala gqitha.’Ewe, amahashe enu angaphala nakangakokodwa nofunyanwa ngabanisukelayo.
17. Iwaka losukeliswa lijoni elinye;xa ninonke niya kugxothwa ngamajoni amahlanu qha,nibaleke nisabe nibe njengendwe emi yodwa entabeni phaya,nayo ke iyeyentlaba-mkhosi.”
18. Kambe ke uNdikhoyo usanilindele,usazungula ukunibabala ngesisa.Kaloku yena nguThixo ongajika-jikiyo;hayi ithamsanqa labo bakholosa ngaye!
19. Ewe, nina bemi baseJerusalem, anisayi kuphinda nilile. Kaloku *uNdikhoyo unenceba; ngoko ke nothi nakuzibika kuye asabele.
20. Nangona uMhlekazi eya kuniyekela ngamaxesha enkxwaleko, kodwa nguye ngokwakhe oya kunithundeza; niya kumqonda lowo uya kunifundisa.
21. Niya kuthi nakuphambuka abe selekhona; nimve esithi: “Yizani, nants' indlela.”