19. Kambe ke wena uyindingan' engenangcwaba;wena uyinto esidumbu sibukulwayo.Ngoku sewambethe ababuleweyo abagwazwe ngekrele,abaphoswe emhadini ongxondorha.Ngoku sewuyinto yokuxovulwa ngeenyawo;
20. owakh' umngcwabo soz' ufane nowabo.Kaloku wena wabatshabalalisa wababhuqa;wababopha ngentamb' enye nabakho abantu.Intw' ekhohlakele nesizukulwana sayonegama layo soze libe nto!
21. Iwu-u-u!Lungiselela kugqityezelwe nenzala yakhe!Ngenxa yenkohlakalo yooyise mabangasindi,hleze bahlume, uze umvundl' uzek' indlela,hlez' eli lizwe lizale zizixeko zabo!
22. UNdikhoyo uSomandla-onke uthi:“Ndoyihlasela ndiyibhukuqe iBhabheli,ndiyicim' igama tu,kungabikho hlumelo nanzala.Nditshilo nje ke mna Ndikhoyo, nditshilo.
23. Ndakuyibetha itsho ibe yimigxobhozo, ibe likhaya lookhwalimanzi.Inene, ndiya kuyitshayela ngentshabalalo engathethekiyo!”
24. *UNdikhoyo uSomandla-onke ufunge wathi:“Konke endikucwangcisileyo kuza kwenzeka;ziza kufezeka zonke iinjongo zam.
25. Ndiza kuwavikiva ama-Asiriya kweli lizwe,ndiwanyhashe tu entabeni yam,idyokhwe yawo yahlukane nabantu bam,usuke umthwalo emagxeni abo.
26. Ezi ke ziinjongo zam mayela nehlabathi jikelele;ingalo yam ijinga phezu kwezizwe zonke.”
27. UNdikhoyo uSomandla-onke ezimisele nje ke,ngubani ongema ngaphambili?Xa eyolule ingalo yakhe,ngubani ongabuya amjike?
28. Nalu udaba olundilisekileyo olwavakala nyakana wasweleka ukumkani uAhazi: