14. Iimazi zeenkomo nezeebhokhwe yayiziintsengwanekazi;oozinkomo, zibhokhwe, neegusha yayingamateke-teke,nditsho oku kweenkomo zaseBhashan.Ingqolowa ingachum' iliphupha;asisathethi ke ngediliya naloo wayini ingayiwayo.
15. Kambe ke uYeshurun suka wahlutha wada wakhabalaza;ewe, wakhula wakhukhumala wada waxhathisa.Waza ke wamfulathela uThixo adalwe nguye,wayibukula eyona Ngxondorha imsindisayo.
16. Wamkhweletisa ngokunqula izithixo;wamxhokonxa ngemikhwa emanyumnyezi.
17. Suka waxhelel' iindimoni ezingengoThixo;izithixo awayengazazi ngaphambili,izinto ezingazange zinqulwe nangamanyange.
18. Akayikhathalelanga eyona Ngxondorha aphuma kuyo;suka wamlibala uThixo azelwe nguye.
19. Waza ke yena uNdikhoyo wakruquka,exhokonkxwa ngoonyana neentombi zakhe nje.
20. Wathi: “Ubuso bam ndiza kubufihla,ndibone ukuba loba yintoni ikamva labo;kuba basisizukulwana esigwenxa,abantwana abangathembekanga.
21. Ngezi zithixo bayandikhweletisa;ngale mifanekiso bayandixhokonxa.Nam ke ndobakhweletisa ngohlanga olungebantu bam;ndobaxhokonxa ngohlanga olungenangqondo.
22. Kaloku umsindo wam uvutha njengomlilo,udangazela kuye kuthi gaa kwelabafileyo;utshisa umhlaba nemveliso yawo,ude ulenye neziseko zeentaba.
23. “Ndobahlisela ngemfumba yezibetho,iintolo zam ndizifohlele phezu kwabo.
24. Baya kuthi shuu yindlala nephango,bacikidwe ngubhubhani nezifo-yifo,amarhamncwa abaqwengengezo ngxavula zawo,bathi nca bubuhlungu bezirhubuluzayo.
25. Ezindleleni ikrele lishiy' izigede,nasemagumbini bankwantye barhwaqele.Abafana neentombi itshoba lilal' umbethe;iintsana neengwevu nazo zithi dwe.