24. Ndiya kuza nezona zizwe zikhohlakeleyo,zithimbe izindlu zabo;ndiya kuliphelisa ikratshi labanamagunya,neendawo zabo zonqulo ziya kuxabheleka.
25. Lwakufika unxunguphalo,baya kufuna uxolo,lube lungafumaneki.
26. Yoba yintlekele emva kwenye,ibe ngamavuso ngamavuso.Baya kufuna isikhokelo *kumshumayeli;ibe ingasavakali ndawo imfundiso-mthetho yombingeleli,amacebiso amadoda amakhulu anyamalale.
27. “Iya kuzila ikumkani,itshawe lincame mpela,ziwe phantsi izandla zabemi belizwe.Ndiya kubangcamlisa iindlela zabo;ewe, ndibohlwaye ngomgangatho wabo.Baya kuqonda ukuba ndinguNdikhoyo.”