Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi.