Testamente Endala

Testamente Entsha

Uhezekile 6:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. “Ithi iNgangalala iNkosi uNdikhoyo: Betha ngesandla sakho, ungqishe ngonyawo, uthi: ‘Yeha!’ ngenxa yamanyundululu endlu kaSirayeli, kuba baya kufa ngekrele, ngendlala, nangobhubhani.

12. Okude uya kufa ngobhubhani; okufutshane uya kufa ngekrele; othe wasinda uya kufa yindlala. Ndiya kwenjenjalo ke xa ndiwukhuphela kubo umsindo wam.

13. Baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo xa bebona izidumbu zâbo bafe ngekrele zidunduluze phakathi kwezithixo namaqonga abo, nakuzo zonke iinduli eziphakamileyo, nasezincotsheni zeentaba, naphantsi kwemithi nemioki – apho babesenzela izithixo zabo iziqhumiso ezivumba limnandi.

14. Ndiya kusolula isandla, umhlaba ndiwubharhise ukusuka ezantsi entlango kuye eDibla kumantla – nditsho kuzo zonke iindawo ezimiwe ngabo. Ewe, baya kundazi ukuba ndinguNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Uhezekile 6