Ke kaloku uEstere wabuya wathetha nokumkani, eguqe ezinyaweni zakhe elila. Wambongoza ukuba alitshitshise iyelenqe lokutshabalalisa amaJuda elaliqulunqwe nguHaman um-Agagi.