Ukumkani wawukhulula emnweni wakhe umsesane wakhe wokunyathelisa, lowo wayebuye wawohlutha kuHaman, waza wawunika uModekayi. Ke uEstere wawunikezela kuModekayi umzi kaHaman.