Waza ke uHabhona, elinye lamaphakathi ajongene nokumkani, wathi: “Kambe ukhona umthi wokuxhoma phaya ngasendlwini kaHaman; uziimitha ezimashumi mabini anambini ukuphakama. Wakhiwe nguye, esenzela uModekayi lo wathethayo wamhlangula ukumkani.”Ukumkani ke wathi: “Mxhomeni kuwo!”