Ukumkani ke wathi kuHaman: “Khawuleza uthathe umnweba lowo kunye nehashe elo, wenze ngaloo ndlela kuModekayi umJuda ohlala esangweni likakumkani. Uze ukwenze konke oko ukuthethileyo, ungashiyi nento le.”