Ke kaloku ngobo busuku ukumkani waphuthelwa, waza ke wathi makuziswe incwadi yeembali zeengcombolo zolawulo lwakhe. Yeziswa ke, yafundwa esiva ukumkani.