1. Umntu okhohlakeleyo ubaleka kungekho mntu umsukelayo;ke wona amalungisa anobuganga njengeengonyama.
2. Xa ilizwe linovukelo baba baninzi abafuna ukuphatha,kodwa xa kukho ophatha ngengqiqo nolwazi uyazinza.
3. Umfo osweleyo otshutshisa amahlwempuuyafana nesikhukula esizitshabalalisayo izilimo.
4. Izaphula-mthetho ziyazincoma izikhohlakali,kambe ke bona abawuthobelayo umthetho bayazichasa izikhohlakali.
5. Abantu abagwenxa ababuqondi ubulungisa;kanti ke abo bazondelela uNdikhoyo baqonda zonke izinto.
6. Lilungile ihlwempu elihambo ingenabalangaphezu komkhohlisi ondlela zimbaxa nokuba usisityebi.