1. Xa uthe wahlala phantsi ukuba udle nesikhulu,yaneliswa yiloo nto ibekwe phambi kwakho.
2. Xa ngaba ungumntu otya gqithawubambe umqala wakho.
3. Musa ukuzibawela izimuncu-muncu zakhe,hleze uzibizele ingozi ngazo.
4. Musa ukuziqoba amandla ufunana nobutyebi,ungaphulukani nengqondo yakho ngenxa yabo.
5. Kaloku ubutyebi busuka buthi shwaka ngephanyazo;ungáde ucinge ukuba busuke bantshula amaphiko bantinga njengokhozi.
6. Musa ukutya ukudla komntu ovimbayo,ungazibaweli izimuncu-muncu zakhe.
7. Kaloku yena ngumntu apha osoloko ebala indleko.Noba angathi: “Yitya, usele,” akathethi loo nto entliziyweni yakhe.
8. Ewe, iya kubuya yonke loo ntwana uyityileyo,ube uwalahlile naloo mazwi akho okuncoma.