1. Thixo wam, Ndikhoyo, ndithembele ngawe!Ndihlangule, undisindise kubo bonk' abandileqayo,
2. hleze bandiqwenga-qwenge njengengonyama,bandiqangqulule ndibe zizijungqe ndingenamhlanguli.
3. Thixo wam, Ndikhoyo,ukuba kukho nto ndiyenzileyo kwezi zinto:ukuba kukho bani ndimonileyo,
4. nokuba ndingcatshe umhlobo wam,okanye ndifumane ndalwenzakalisa utshaba lwam,
5. malundileqe ke lundifumane utshaba,lundinqumle, ndife kube kanye,lundishiye apho ndilutywantsi.
6. Khalima ngomsindo, Ndikhoyo;undithethelele kule ngqumbo yeentshaba zam.Thixo wam, vuka undincede;kaloku wena ufuna kugwetywe ngobulungisa.
7. Mazibizwe zonke izizwe zikungqonge,ungqendeve esihlalweni sakho phezu kwazo.