7. Umntu akanako ukusindisa umntu;akanako ukunika uThixo ixabiso lobomi bakhe.
8. Nakanye! Kaloku ixabiso lobomi bomntu likhulu.Alifikeleleki mpela-mpela
9. elo linokumenza abe sisimakade,angaze alibone ingcwaba.
10. Uyabona, kaloku nezilumko ziyafa,izidenge kwanezityhakala!Ubutyebi babushiya kwabakhoyo.
11. Amangcwaba likhaya labo naphakade.Baya kuhlala khona njalo-njalo,nakuba babefudula benemihlaba ebizwa ngabo.
12. Umntu akanako ukukuphepha ukufa ngokuba esisinhanha.Hayi bo! Uyatshabalala njengezilwanyana.
13. Nâso ke isiphelo sabasweli-kuqonda,abo bakhohliswa ziingcinga zabo.
14. Bamiselwe ukufa njengeegusha;bona baxhatshazwa kukufa.Bathi ngqo behlele engcwabeni,onke amathambo abo avuthuluke,kuba kaloku bona abasekho.
15. Ke mna ke, uThixo uya kundikhulula;uya kundihlangula andithathele kuye.
16. Sukuxhala wakubona umntu ehluma,wakubona ubutyebi bakhe bukhula.
17. Akanakuhamba nabo xa afayo;ubutyebi buya kusala ngasemva.
18. Nakuba ebezicingela ukuba wonwabile ngokuya ebesaphila,nokuba ebenconywa ngempumelelo,