5. Kodwa zona izibele zakho, Ndikhoyo, ziye kuthi gaa ngamazulu,nentembeko yakho yaya kuthi ngqu ngamafu.
6. Ukulunga kwakho akugungqi, kunjengentaba;zinzulu njengolwandle zona izigqibo zakho.Uyabanakekela abantu nezilo, wena Ndikhoyo.
7. Hayi izibele zakho, Thixo, ebantwini!Oonyana babantu bazimela phantsi kwephiko lakho.
8. Baxhamla intlutha yendlu yakho;ubaseze kumlambo wokulunga kwakho.
9. Wena ulithende lobomi;ngokhanyiso lwakho sibona ukukhanya.
10. Mazinganqamki izibele zakho kubo bonke abo bakwaziyo,uwabonelele amalungisa.
11. Mandinganyhashwa ngeenyawo ngabanolunya,ndingantlithwa zizandla zabagwenxa.
12. Bawile daxa abantw' abagwenxa;bakhahlelwe phantsi, abavuka.