1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Duma ukhahlele *kuNdikhoyo, mphefumlo wam!
2. Ndiya kumbonga uNdikhoyo lo gama ndisadla ubomi;ndiya kuhlabela indumiso,ndibonge uThixo wam bonke ubomi bam.
3. Musa ukukholosa ngamanene;sukuthemba umntu, kuba akaloncedo.
4. Uthi akuba efile abuyele emhlabeni;ngaloo mini buyatshitsha ubuchule bakhe.
5. Hay' inyhweba yalowo uluncedo lunguThixo kaYakobi,lowo uthembele ngoNdikhoyo uThixo wakhe;
6. ongumenzi wamazulu nehlabathi,ulwandle neento zonke ezilapho kulo;yena ungajikiyo kwizithembiso zakhe;
7. umthetheleli wâbo baxhatshazwayo;umondli wâbo balambayo.UNdikhoyo uwathi jize ngenkululeko amabanjwa.
8. UNdikhoyo ngumvuli wamehlo eemfama,umphakamisi wâbo bawileyo.UNdikhoyo ngumathand' amalungisa.