5. Ziya kumemelela, zibonga iindlela zikaNdikhoyo,kuba kaloku sibalasele isidima sakhe.
6. Ewe, nakuba uMhlekazi enguSomaqhuzu nje,ubanonophele abagqush' eluthulini;ke bona abaqholosayo ubabukele.
7. Nokuba ndidavuza ezinkathazweni, wena uyandikhusela;ulwa nazo iintshaba zam, undihlangule ngamandla akho.
8. UNdikhoyo uyalifezekisa icebo lakhe ngam.Kambe ke, Ndikhoyo, izibele zakho zisisimakade;ungabi sawushiya umsebenzi wezandla zakho.