1. Ukuba *uNdikhoyo akayakhi indlu,bafumana bebulaleka abayakhayo.Ukuba asaluswa nguNdikhoyo isixeko,ancam' ubuthongo ngelize amajoni alindayo.
2. Ngamampunge ukuzabalaza uzam' ukuzixhasa,uvuka ngentseni, ulal' ezinzulwini,ungumaphila-kukuzenzela.Kaloku uNdikhoyo uyabaxhasa abakhe;ewe, yena ubaxhasa belele.