26. Khawundincede, Ndikhoyo Thixo wam;ndisindise ngokwezo zibele zakho!
27. Khawubethe baqonde ukuba nguwe lo,nguwe ondihlangulayo, Ndikhoyo.
28. Mabathi bendiqalekisa nje, ube wena undithamsanqela;bathi ntimfa ngehlazo abo bandihlaselayo.Mna ke sicaka mandiphuphume yimincili.
29. Abandimangalelayo mabavathe ihlazo;ewe, mabalithi wambu oku komnweba.
30. Ndiya kubhomboloza ndidumisa uNdikhoyo;ndiya kumncoma phakathi kwezihlwele;
31. kuba yena uyamxhasa ohlelelekileyo,amhlangule kwabo bamsingela phantsi.