Kanti ke akwanelanga ukwenjenjalo kuphela, Nkosi yam Ndikhoyo: ngoku uthetha nangekamva lendlu yesicaka sakho. Ngaba le yindlela yakho omphatha ngayo umntu, Nkosi yam Ndikhoyo?