UDavide waphendula wathi kuGadi: “Ndisengxakini enkulu. Kodwa ke kubhetele siwele ezandleni zikaNdikhoyo, kuba inkulu inceba yakhe. Ewe, andikunqweneli ukuwela ezandleni zabantu.”