Ngoko ke uNdikhoyo wathumela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli. Saqalisa kwangentsasa yangaloo mini, kwada kwaya kutsho kwelaa xesha wayelimisele. Kwafa amashumi asixhenxe amawaka abantu ukusukela kwaDan kuye kutsho eBheshebha.