40. Zafika kuAbhigeli eKarmele izicaka zikaDavide, zathi: “Uthe uDavide masize kukuphuthuma ukuze ube ngumkakhe.”
41. Wathoba ubuso bakhe, wabujongisa emhlabeni uAbhigeli, wathi: “Ewe, mna ndisisicakazana sakhe; ndiyavuma ukumkhonza, ndihlambe nokuhlamba iinyawo zezicaka zakhe.”
42. Wagxabha-gxabhisa, wakhwela edonkini yakhe, wahamba nezigidimi zikaDavide, ekhatshwa ziimpelesi zakhe ezintlanu ukuya kwendela kuDavide.
43. UDavide wayeselenomfazi onguAhinowam intombi yaseYizereli ngoku athatha uAbhigeli.
44. Kanti ke uSawule intombi yakhe uMikali, eyayikwangumka-Davide, wayeyendisele kuPalti unyana kaLayishe waseGalim.