Kuloo ngxingwa yaseMikimashe, le wayeza kuphumelela kuyo uJonatan xa awelela kwikampana yamaFilistiya, kwakukho amawa amabini, eziingqajolo, ephahle loo ngxingwa. Kwakusithiwa nguBhozeze elinye ukubizwa kwalo, elinye kusithiwa nguSene.